
“Ukuba ke ngoko kukho usizo kuKristu, ukuba kukho ukhuzo lothando, ukuba kukho ubudlelane boMoya, ukuba kukho imfesane neemfefe, luzaliseni uvuyo lwam, ukuze nicinge ntonye, ninaluthando lunye, ninamphefumlo mnye, nicinga nto-nye; ningenzi nanye into ngokweyelenqe, nangokozuko olulambathayo. Yithini ngokuthobeka kwentliziyo omnye ambalele omnye ekuthini nguyena wongamileyo kunaye. Makangathi elowo axunele kwezakhe izinto zodwa, elowo makaxunele nakwezabanye.” (Kwabasefilipi 2: 1-4)